-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
72
|Salmos 119:72|
Ulungile kum umyalelo womlomo wakho, Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.
-
73
|Salmos 119:73|
Izandla zakho zindenzile, zandilungisa; Ndiqondise, ndifunde imithetho yakho.
-
74
|Salmos 119:74|
Abakoyikayo bondibona, bavuye, Ngokuba ndilindele elizwini lakho.
-
75
|Salmos 119:75|
Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho; Undicinezele, phofu uthembekile.
-
76
|Salmos 119:76|
Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela, Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho.
-
77
|Salmos 119:77|
Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile, Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa.
-
78
|Salmos 119:78|
Mabadane abakhukhumali, ngokuba bendigobele phantsi ngobuxoki, Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho.
-
79
|Salmos 119:79|
Mabandibuyele abakoyikayo, Nabazaziyo izingqiniso zakho.
-
80
|Salmos 119:80|
Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho, Ukuze ndingadani.
-
81
|Salmos 119:81|
Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Ndilindele elizwini lakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 8-10