-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
92
|Salmos 119:92|
Koko umyalelo wakho wandiyolisayo, Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam.
-
93
|Salmos 119:93|
Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho, Ngokuba undiphilisile ngazo.
-
94
|Salmos 119:94|
Ndingowakho mna, ndisindise, Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho.
-
95
|Salmos 119:95|
Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise; Mna ndigqale izingqiniso zakho.
-
96
|Salmos 119:96|
Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona; Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu.
-
97
|Salmos 119:97|
Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.
-
98
|Salmos 119:98|
Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho, Ngokuba yeyam ngonaphakade.
-
99
|Salmos 119:99|
Ndinokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke, Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca.
-
100
|Salmos 119:100|
Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu, Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.
-
101
|Salmos 119:101|
Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi, Ukuze ndiligcine ilizwi lakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10