-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
102
|Salmos 119:102|
Andisuki emasikweni akho, Ngokuba undiyalile wena.
-
103
|Salmos 119:103|
Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam! Igqithe nobusi emlonyeni wam.
-
104
|Salmos 119:104|
Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda, Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.
-
105
|Salmos 119:105|
Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam.
-
106
|Salmos 119:106|
Ndikufungele, ndikumisile, Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho.
-
107
|Salmos 119:107|
Ndide ndacinezeleka kakhulu; Yehova, ndiphilise ngokwelizwi lakho.
-
108
|Salmos 119:108|
Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam; Ndifundise amasiko akho.
-
109
|Salmos 119:109|
Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam, Ndingawulibali umyalelo wakho.
-
110
|Salmos 119:110|
Abangendawo bandenzele umgibe, Andiphambukanga eziyalezweni zakho.
-
111
|Salmos 119:111|
Ndizidle ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade, Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10