-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
122
|Salmos 119:122|
Mmele umkhonzi wakho, kulunge; Mabangandicudisi abakhukhumali.
-
123
|Salmos 119:123|
Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho, Nentetho yobulungisa bakho.
-
124
|Salmos 119:124|
Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakho Undifundise imimiselo yakho.
-
125
|Salmos 119:125|
Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise, Ndizazi izingqiniso zakho.
-
126
|Salmos 119:126|
Lilixa lokuba uYehova enze, Kuba bawaphule umyalelo wakho.
-
127
|Salmos 119:127|
Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakho Ngaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo.
-
128
|Salmos 119:128|
Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke; Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.
-
129
|Salmos 119:129|
Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho, Ngenxa yoko uzibambile umphefumlo wam.
-
130
|Salmos 119:130|
Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa, Kuqondisa abazizidenge.
-
131
|Salmos 119:131|
Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza, Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10