-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
152
|Salmos 119:152|
Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho, Ukuba uzisekile ngonaphakade.
-
153
|Salmos 119:153|
Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule, Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho.
-
154
|Salmos 119:154|
Bambana nobambene nam, undikhulule, Ndiphilise ngokwelizwi lakho.
-
155
|Salmos 119:155|
Lunyawukile kwabangendawo usindiso, Ngokuba abayifuni imimiselo yakho.
-
156
|Salmos 119:156|
Iimfesane zakho zininzi, Yehova; Ndiphilise ngokwamasiko akho.
-
157
|Salmos 119:157|
Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo; Andithi gu bucala ezingqinisweni zakho.
-
158
|Salmos 119:158|
Ndababona abatshinizi, ndakruquka, Abo bangayigciniyo intetho yakho.
-
159
|Salmos 119:159|
Bona ukuthanda kwam iziyalezo zakho, Yehova, ndiphilise ngokwenceba yakho.
-
160
|Salmos 119:160|
Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela, Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.
-
161
|Salmos 119:161|
Abathetheli bandisukela ngelize, Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10