-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
162
|Salmos 119:162|
Ndinemihlali ngentetho yakho, Njengofumene ixhoba elininzi.
-
163
|Salmos 119:163|
Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum; Ndiyawuthanda umyalelo wakho.
-
164
|Salmos 119:164|
Ndikudumisa kasixhenxe ngemini, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
-
165
|Salmos 119:165|
Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; Akukho sikhubekiso kubo.
-
166
|Salmos 119:166|
Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova; Ndenza imithetho yakho.
-
167
|Salmos 119:167|
Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho, Ndizithanda kunene.
-
168
|Salmos 119:168|
Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho, Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho.
-
169
|Salmos 119:169|
Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam; Yehova, ndiqondise ngokwelizwi lakho.
-
170
|Salmos 119:170|
Masifike isikhungo sam phambi kwakho; Ndihlangule ngokwentetho yakho.
-
171
|Salmos 119:171|
Umlomo wam mawumpompoze indumiso, Kuba undifundisile imimiselo yakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10