-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 122:1|
Ingoma yezinyuko. KaDavide. Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.
-
2
|Salmos 122:2|
Iinyawo zethu zifike zema Emasangweni akho, Yerusalem;
-
3
|Salmos 122:3|
Yerusalem, wena wakhiweyo Ngokomzi ohlangeneyo wamnye;
-
4
|Salmos 122:4|
Apho zinyuka ziye khona izizwe, Izizwe zikaYehova; Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli, Ukuba kubulelwe kwigama likaYehova.
-
5
|Salmos 122:5|
Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba, Iitrone zendlu kaDavide.
-
6
|Salmos 122:6|
Celelani iYerusalem uxolo; Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,
-
7
|Salmos 122:7|
Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo, Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.
-
8
|Salmos 122:8|
Ngenxa yabazalwana bam nowethu, Makhe ndithethe uxolo ngawe.
-
9
|Salmos 122:9|
Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu, Ndiya kufuna okukulungeleyo.
-
1
|Salmos 123:1|
Ingoma yezinyuko. Ulohlala emazulwini, Ndiwaphakamisela kuwe amehlo am.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7