-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 126:5|
Abahlwayelayo beneenyembezi Baya kuvuna benokumemelela.
-
6
|Salmos 126:6|
Ohamba ahambe elila, Ephethe intlwayelelo, Uyabuya eze ememelela, Ethwele izithungu zakhe.
-
1
|Salmos 127:1|
Ingoma yezinyuko. KaSolomon. Ukuba akayakhi uYehova indlu, Bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo. Ukuba umzi akawugcini uYehova, Ufumana ephaphama owugcinayo.
-
2
|Salmos 127:2|
Nifumana nivuka kusasa, Nihlale nisebenza kude kube sebusuku, Nikudla ukudla kokubulaleka; Uyipha intanda yakhe, ilele ubuthongo.
-
3
|Salmos 127:3|
Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana, Umvuzo sisiqhamo sesizalo.
-
4
|Salmos 127:4|
Njengeentolo esandleni segorha, Banjalo oonyana bobutsha.
-
5
|Salmos 127:5|
Hayi, uyolo lomfo ozalise umphongolo wakhe ngabo! Abayi kudana, Xa bathetha neentshaba esangweni.
-
1
|Salmos 128:1|
Ingoma yezinyuko. Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova, Abahamba ngeendlela zakhe!
-
2
|Salmos 128:2|
Ukuxelenga kwezandla zakho inene uya kukudla, Uya kuba noyolo wena, kulunge kuwe.
-
3
|Salmos 128:3|
Umkakho woba njengomdiliya oqhamayo Endlwini yakho ngaphakathi; Oonyana bakho babe njengezithole zomnquma Ngeenxa zonke esithebeni sakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7