-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Salmos 124:8|
Uncedo lwethu lusegameni likaYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.
-
1
|Salmos 125:1|
Ingoma yezinyuko. Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon: Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.
-
2
|Salmos 125:2|
IYerusalem ijikelezwe ziintaba; Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
-
3
|Salmos 125:3|
Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa, Ukuze amalungisa angazisi ebugqwetheni izandla zawo.
-
4
|Salmos 125:4|
Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo, Kwabathe tye ezintliziyweni zabo.
-
5
|Salmos 125:5|
Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga. Malube luxolo kuSirayeli.
-
1
|Salmos 126:1|
Ingoma yezinyuko. Ekubabuyiseni kukaYehova ababuyayo baseZiyon, Saba njengabaphuphayo;
-
2
|Salmos 126:2|
Waza wazala kukuhleka umlomo wethu, Lwazala kukumemelela ulwimi lwethu. Baza bathi phakathi kweentlanga, UYehova ubenzele izinto ezinkulu aba.
-
3
|Salmos 126:3|
UYehova usenzele izinto ezinkulu, Saba ngabavuyayo.
-
4
|Salmos 126:4|
Buyisa, Yehova, abathinjiweyo bakuthi, Njengemilambo yamanzi yelasezantsi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7