-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Salmos 123:2|
Uyabona, njengokuba amehlo abakhonzi Emi kwisandla seenkosi zabo; Njengokuba amehlo omkhonzazana Emi kwisandla senkosikazi yakhe: Ngokunjalo amehlo ethu akuYehova, uThixo wethu, Ade asibabale.
-
3
|Salmos 123:3|
Sibabale, Yehova, sibabale, Ngokuba sanele kakhulu kukudelwa.
-
4
|Salmos 123:4|
Umphefumlo wethu wanele kakhulu Kukugculela kwabangakhathalele bani, Nokudela kwabanekratshi.
-
1
|Salmos 124:1|
Ingoma yezinyuko. KaDavide. Koko uYehova ebengakuthi, Makatsho uSirayeli,
-
2
|Salmos 124:2|
Koko uYehova ebengakuthi Ekusukeleni kwabantu phezulu kuthi,
-
3
|Salmos 124:3|
Bange beba basiginya sihleli, Ekuvutheni komsindo wabo kuthi;
-
4
|Salmos 124:4|
Ange esintywilisele amanzi, Wadlula phezu komphefumlo wethu umsinga;
-
5
|Salmos 124:5|
Ange edlule phezu komphefumlo wethu Amanzi akhukumeleyo.
-
6
|Salmos 124:6|
Ungowokubongwa uYehova, Ongasinikelanga emazinyweni abo, ukuba siqwengwe.
-
7
|Salmos 124:7|
Umphefumlo wethu usindile, njengentaka emgibeni wababambisi; Umgibe uqhawukile, sasinda ke thina.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7