-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
172
|Salmos 119:172|
Ulwimi lwam luya kuyiphendula intetho yakho, Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa.
-
173
|Salmos 119:173|
Isandla sakho masibe sesokundinceda, Ngokuba ndizinyulele iziyalezo zakho.
-
174
|Salmos 119:174|
Ndilangazelela usindiso lwakho, Yehova; Umyalelo wakho uyandiyolisa.
-
175
|Salmos 119:175|
Mawuphile umphefumlo wam, ukudumise, Andincede amasiko akho.
-
176
|Salmos 119:176|
Ndiya ndimka njengemvu elahlekileyo; mfune umkhonzi wakho, Ngokuba andiyilibali imithetho yakho.
-
1
|Salmos 120:1|
Ingoma yezinyuko. Engxingongweni yam ndakhala kuYehova, Wandiphendula.
-
2
|Salmos 120:2|
Ndathi, Wuhlangule, Yehova, umphefumlo wam emlonyeni oxokayo, Elulwimini olunenkohliso.
-
3
|Salmos 120:3|
Makakunike ntoni na, akongeze ntoni na, Lulwimindini lunenkohliso?
-
4
|Salmos 120:4|
Iintolo zegorha ezitsolo, Kunye namalahle avuthayo onwele.
-
5
|Salmos 120:5|
Athi ke mna! Kuba ndingumphambukeli kwaMesheki, Ndihleli ngasezintenteni zakwaKedare.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10