-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
112
|Salmos 119:112|
Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakho Ngonaphakade, kuphele.
-
113
|Salmos 119:113|
Abambaxa ndiyabathiya, Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda.
-
114
|Salmos 119:114|
Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe, Ndilindele elizwini lakho.
-
115
|Salmos 119:115|
Sukani kum, nina benzi beento ezimbi, Ndibambe imithetho yoThixo wam.
-
116
|Salmos 119:116|
Ndizimase ngokwelizwi lakho, ndiphile, Ungandidanisi ekulindeni kwam.
-
117
|Salmos 119:117|
Ndixhase ndisinde, Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho.
-
118
|Salmos 119:118|
Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho, Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.
-
119
|Salmos 119:119|
Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga, Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.
-
120
|Salmos 119:120|
Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe, Ndizoyike izigwebo zakho.
-
121
|Salmos 119:121|
Ndenza ngesiko nangobulungisa, Ungandinikeli kwabandicudisayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10