-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Salmos 3:3|
Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum, Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam.
-
4
|Salmos 3:4|
Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)
-
5
|Salmos 3:5|
Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa.
-
6
|Salmos 3:6|
Andizoyiki izigidi zabantu Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum.
-
7
|Salmos 3:7|
KhawusukÂ’ ume, Yehova; ndisindise, Thixo wam; Ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Amazinyo abangendawo uyawaphula.
-
8
|Salmos 3:8|
Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)
-
1
|Salmos 4:1|
Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo. Umhobe kaDavide. Ekudandulukeni kwam ndiphendule, Thixo wobulungisa bam; Embandezelweni yam wandenzela indawo ebanzi; Ndibabale, uwuve umthandazo wam.
-
2
|Salmos 4:2|
Nina, nyana babantu, kunini na uzuko lwam niluhlazisa, Ningxamele into engeyakonto, nithanda amanga? (Phakamisani.)
-
3
|Salmos 4:3|
Yazini ke ukuba uYehova uzibalulele owenceba; UYehova uyaphulaphula ndakudanduluka kuye.
-
4
|Salmos 4:4|
Qumbani, ningoni; Thethani neentliziyo zenu ezinkukweni zenu, nithi cwaka. (Phakamisani.)
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5