-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Salmos 5:7|
Ke mna, ndinokungena endlwini yakho ngenceba yakho eninzi, Ndiqubude, ndibhekise etempileni yakho engcwele ngokukoyika.
-
8
|Salmos 5:8|
Yehova, ndikhaphe ngobulungisa bakho ngenxa yabandilaleleyo; Yilungelelanise indlela yakho phambi kwam.
-
9
|Salmos 5:9|
Ngokuba emlonyeni wabo akukho nto imiyo, Umbilini wabo ngumeyeliselo; Lingcwaba elivuliweyo umqala wabo; Bathetha okugudileyo ngolwimi lwabo.
-
10
|Salmos 5:10|
Bathwalise ityala, Thixo; Makatshitshe amaqhinga abo; Elukreqweni lwabo oluninzi batyhale, Ngokuba bakuphikisile.
-
11
|Salmos 5:11|
Mabavuye bonke abazimela ngawe, Bamemelele ngonaphakade, ubakhusele; Badlamke ngawe abalithandayo igama lakho.
-
12
|Salmos 5:12|
Ngokuba wena uyalisikelela ilungisa, Yehova, Ulihlanganisele ngenkoliseko njengekhaka.
-
1
|Salmos 6:1|
Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu.
-
2
|Salmos 6:2|
Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am.
-
3
|Salmos 6:3|
Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?
-
4
|Salmos 6:4|
Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7