-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Salmos 7:15|
Umbe umhadi, wawugomba; Weyela esihogweni awasisebenzayo.
-
16
|Salmos 7:16|
Ububi bakhe bobuyela entlokweni yakhe, Naselukakayini lwakhe kufike ukugonyamela kwakhe.
-
17
|Salmos 7:17|
Ndiya kubulela kuYehova ngokobulungisa bakhe, Ndivume ngendumiso kwigama likaYehova ophezu konke.
-
1
|Salmos 8:1|
Kumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.
-
2
|Salmos 8:2|
Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.
-
3
|Salmos 8:3|
Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:
-
4
|Salmos 8:4|
Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?
-
5
|Salmos 8:5|
Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.
-
6
|Salmos 8:6|
Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe:
-
7
|Salmos 8:7|
Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19