-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Salmos 8:8|
Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle.
-
9
|Salmos 8:9|
Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!
-
1
|Salmos 9:1|
Kumongameli: ngemute-labhen, Umhobe kaDavide. Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yam yonke; Ndiya kuyibalisa yonke imisebenzi yakho ebalulekileyo.
-
2
|Salmos 9:2|
Ndiya kuvuya ndidlamke ngawe; Ndiya kulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni.
-
3
|Salmos 9:3|
Ekubuyeni kweentshaba zam umva, Ziyawa, zibhubhe ebusweni bakho.
-
4
|Salmos 9:4|
Ngokuba ulifezile ityala lam nebango lam: Uhleli etroneni ungumgwebi olilungisa.
-
5
|Salmos 9:5|
Uzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abangendawo; Igama lazo ulicimile ngonaphakade kanaphakade.
-
6
|Salmos 9:6|
Iintshaba zona zigqibele, yangamanxuwa kwaphela; Imizi uyinyothule, Yadaka inkumbulo yayo yona.
-
7
|Salmos 9:7|
Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade, Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe.
-
8
|Salmos 9:8|
Uya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa, Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21