-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 53:1|
Kumongameli: ngeyokhuzo. Eyokuqiqa; ekaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngobugqwetha babo; Akukho wenza okulungileyo.
-
2
|Salmos 53:2|
UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Ofuna uThixo.
-
3
|Salmos 53:3|
Bonke babuye umva, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.
-
4
|Salmos 53:4|
Abanakwazi na abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uThixo?
-
5
|Salmos 53:5|
Apho bankwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo; Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho; Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile.
-
6
|Salmos 53:6|
Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubuyiseni kukaThixo abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.
-
1
|Salmos 54:1|
Eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Kumongameli. Eyokuqiqa. EkaDavide: ekufikeni kwabaseZifi, bathi kuSawule, UDavide akazimele phakathi kwethu na? Thixo, ndisindise ngegama lakho, Uligwebe ityala lam ngobugorha bakho.
-
2
|Salmos 54:2|
Thixo, yiva umthandazo wam; Wabekele indlebe amazwi omlomo wam.
-
3
|Salmos 54:3|
Ngokuba abasemzini basukela phezulu kum, Nabanobungqwangangqwili bafuna umphefumlo wam; Abammisi uThixo phambi kwabo. (Phakamisani.)
-
4
|Salmos 54:4|
Yabona, uThixo ngumncedi wam; INkosi yam ikwabasekela umphefumlo wam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Lamentaciones 1-5