-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Salmos 55:18|
Uwukhulula umphefumlo wam unoxolo, ukuze bangasondeli kum, Ngokuba baninzi abandichasayo.
-
19
|Salmos 55:19|
UThixo uya kuva, abaphendule, Uselokwamandulo ehleli, (Phakamisani.) Abo bangenanguquko, Bangamoyikiyo uThixo.
-
20
|Salmos 55:20|
Babasa isandla abaxolelene nabo; Bahlambela umnqophiso wabo;
-
21
|Salmos 55:21|
Ubuthelezi njengamasi umlomo wabo, Ke yimfazwe intliziyo yabo. Athambile amazwi abongaphezu kweoli, Kanti aziintlangothi zekrele.
-
22
|Salmos 55:22|
Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.
-
23
|Salmos 55:23|
Wena ke, Thixo, uya kubahlisela emngxunyeni wesihogo. Abantu bamagazi nenkohliso abayi kuyiqingathisa imihla yabo; Ke mna ndikholose ngawe.
-
1
|Salmos 56:1|
Kumongameli; ngeyehobe elithe cwaka phakathi kwabakude. EkaDavide. Eliligugu. Ukubanjwa kwakhe ngamaFilisti eGati. Ndibabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda; Bandixinile, besilwa yonke imini;
-
2
|Salmos 56:2|
Abandilalelayo bandizonda yonke imini, Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.
-
3
|Salmos 56:3|
Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokholosa ngawe.
-
4
|Salmos 56:4|
Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4