-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 56:5|
Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am; Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.
-
6
|Salmos 56:6|
Baqukene, babonisele, Bona bagcine izithende zam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam.
-
7
|Salmos 56:7|
Bengamatshinga nje, bosinda na? Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.
-
8
|Salmos 56:8|
Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Azisencwadini yakho na?
-
9
|Salmos 56:9|
Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo; Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.
-
10
|Salmos 56:10|
Ndilidumisa ngoThixo ilizwi, Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.
-
11
|Salmos 56:11|
Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Unokundenza ntoni na umntu?
-
12
|Salmos 56:12|
Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho; Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.
-
13
|Salmos 56:13|
Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam, Iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo Ekukhanyeni kobomi.
-
1
|Salmos 57:1|
Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekumbalekeni kwakhe uSawule emqolombeni. Ndibabale, Thixo, ndibabale; Ngokuba uzimela ngawe umphefumlo wam; Ndizimela esithunzini samaphiko akho, Kude kudlule inkxwaleko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4