-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Salmos 68:30|
Khalimela amarhamncwa asengcongolweni, Umhlambi weenkunzi eziziimbalasane, kunye namathole ezizwe, Ukuze baziwise benezijungqe zesilivere. Wazibhangisa izizwe eziyithandayo imfazwe.
-
31
|Salmos 68:31|
Kovela amanono eYiputa; UKushi wozolulela msinya izandla zakhe kuThixo.
-
32
|Salmos 68:32|
Zikumkani zehlabathi, vumani kuThixo, Niyibethele uhadi iNkosi; (Phakamisani.)
-
33
|Salmos 68:33|
Ekhwela ecanda emazulwini awo amazulu amandulo; Nanko elikhupha ilizwi lakhe, ilizwi elinamandla.
-
34
|Salmos 68:34|
Mnikeni amandla uThixo; Buphezu koSirayeli ubungangamsha bakhe; Asesibhakabhakeni amandla akhe.
-
35
|Salmos 68:35|
UloThixo woyikekayo ezingcweleni zakho. UloThixo kaSirayeli, ubanikayo amandla nokomelela abantu. Makabongwe uThixo.
-
1
|Salmos 69:1|
Kumongameli; ngeyeenyibiba. EkaDavide. Ndisindise, Thixo; Ngokuba amanzi andifikele, ada eza emphefumlweni.
-
2
|Salmos 69:2|
Nditshonile eludakeni olunzulu, akukho kuma; Ndingene emmbithini onamanzi, umsinga uyandintywilisela.
-
3
|Salmos 69:3|
Ndidiniwe kukudanduluka; womile umqala wam; Aphelile amehlo am; mna ndilindele kuThixo.
-
4
|Salmos 69:4|
Abandithiyayo ngelize baninzi ngaphezu kweenwele zentloko yam; Baninzi abandibangisayo, abaziintshaba zam bexoka; Into endingayiphanganga bathi mandiyibuyise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4