-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Salmos 69:25|
Ingqili yabo mayibe senkangala, Ezintenteni zabo kungahlali mntu;
-
26
|Salmos 69:26|
Ngokuba bayamsukela obethwe nguwe, Bancokole ngomvandedwa wobahlabileyo wena.
-
27
|Salmos 69:27|
Yongeza ubugwenxa ebugwenxeni babo, Bangangeni ebulungi senibakho.
-
28
|Salmos 69:28|
Mabacinywe encwadini yobomi, Bangabhalwa namalungisa.
-
29
|Salmos 69:29|
Ke mna ndilusizana, ndinomvandedwa; Usindiso lwakho, Thixo, malundise engxondeni.
-
30
|Salmos 69:30|
Ndiya kulidumisa igama likaThixo ngokuvuma, Ndilenze likhulu ngokubulela.
-
31
|Salmos 69:31|
Oko kuya kukholeka kuYehova ngaphezu kweenkunzi ezintsha, Ezineempondo neempuphu.
-
32
|Salmos 69:32|
Bebona abalulamileyo, bovuya; Nina bamquqelayo uThixo, intliziyo yenu mayiphile.
-
33
|Salmos 69:33|
Ngokuba uYehova uyaweva amahlwempu, Akabadeli ababanjiweyo bakhe.
-
34
|Salmos 69:34|
Malimdumise izulu nomhlaba, Ulwandle nento yonke enambuzelayo kulo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14