-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 69:5|
Thixo, wena uyakwazi ukumatha kwam; Namatyala am akanakugushwa kuwe.
-
6
|Salmos 69:6|
Mabangadani ngam abakuthembayo, Nkosi yam, Yehova wemikhosi; Mabangangcikivwa ngam abakufunayo, Thixo kaSirayeli.
-
7
|Salmos 69:7|
Ngokuba ndithwele ingcikivo ngenxa yakho; Ihlazo libugqubuthele ubuso bam;
-
8
|Salmos 69:8|
Ndingowasemzini kubazalwana bam; Ndingowolunye uhlanga kubantwana bakama:
-
9
|Salmos 69:9|
Ngokuba lindidlile ikhwele ngenxa yendlu yakho: Iingcikivo zabakungcikivayo ziwe phezu kwam.
-
10
|Salmos 69:10|
Mna, umphefumlo wam walila, uzila ukudla; Oko kwaba yingcikivo kum.
-
11
|Salmos 69:11|
Iingubo zam zaba zezirhwexayo, Ndaba yinto yokuzekelisa kubo.
-
12
|Salmos 69:12|
Bathetha ngam abahleli esangweni; Ndiyingoma yamanxila.
-
13
|Salmos 69:13|
Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elikholekileyo: Thixo, ngobuninzi benceba yakho, Ndiphendule ngenyaniso yosindiso lwakho.
-
14
|Salmos 69:14|
Ndihlangule eludakeni, ndingatshoni; Mandihlangulwe kwabandithiyayo nasemimbithini enamanzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14