-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
35
|Salmos 69:35|
Ngokuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon, ayakhe imizi yakwaYuda, Bahlale khona, bayime;
-
36
|Salmos 69:36|
Ilidle ilifa imbewu yabakhonzi bakhe; Bahlale kuyo abalithandayo igama lakhe.
-
1
|Salmos 70:1|
Kumongameli; ekaDavide; eyokukhumbuza. Thixo, khawuleza undihlangule; Yehova, khawuleza undincede.
-
2
|Salmos 70:2|
Mabadane babe neentloni abawufunayo umphefumlo wam; Mababuye umva bahlazeke abananze ukuba ndihlelwe bububi;
-
3
|Salmos 70:3|
Mababuye ngenxa yomvuzo wedano labo Abathi, Tshotsho! Tshotsho!
-
4
|Salmos 70:4|
Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakuquqelayo; Abaluthandayo usindiso lwakho Mabahlale besithi, Makenziwe mkhulu uThixo.
-
5
|Salmos 70:5|
Ke mna ndilusizana, ndilihlwempu; Thixo, khawuleza uze kum. Umncedi wam nomsindisi wam nguwe; Yehova, musa ukulibala.
-
1
|Salmos 71:1|
Ndizimela ngawe, Yehova, Mandingaze ndidane naphakade:
-
2
|Salmos 71:2|
Ngobulungisa bakho ndihlangule, ndisize; Ndithobele indlebe yakho, undisindise.
-
3
|Salmos 71:3|
Yiba liliwa elilikhaya kum, ndize kulo ngamaxesha onke. Uwise umthetho wokuba ndisindiswe, Ngokuba ingxondorha yam nemboniselo yam nguwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14