-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 132:9|
Ababingeleli bakho mabambathe ubulungisa, Bamemelele abakho benceba.
-
10
|Salmos 132:10|
Ngenxa kaDavide umkhonzi wakho, Musa ukubutyhala ubuso bomthanjiswa wakho.
-
11
|Salmos 132:11|
UYehova wamfungela uDavide; Inyaniso, akayi kubuya kuloo nto, Esithi, Esiqhameni sezibilini zakho Ndimisa oya kuba setroneni yakho.
-
12
|Salmos 132:12|
Ukuba bathe oonyana bakho bawugcina umnqophiso wam, Nesingqiniso sam endibafundisayo: Oonyana babo bothi nabo bahlale Etroneni yakho nanini.
-
13
|Salmos 132:13|
Ngokuba uYehova uyinyule iZiyon, Uyinqwenele ukuba ibe likhaya lakhe;
-
14
|Salmos 132:14|
Esithi, Nantsi indawo yam yokuphumla kwam nanini; Ndiya kuhlala apha, ngokuba oko ndikunqwenele.
-
15
|Salmos 132:15|
Umphako wayo ndiya kuwusikelela kunene; Amahlwempu ayo ndiya kuwahluthisa ngesonka,
-
16
|Salmos 132:16|
Ndibambathise ngosindiso ababingeleli bayo, Abenceba bayo bamemelele bememelela.
-
17
|Salmos 132:17|
Apho ndiya kumhlumisela uphondo uDavide, Ndiya kumlungisela isibane umthanjiswa wam.
-
18
|Salmos 132:18|
Iintshaba zakhe ndiya kuzambathisa udano; Ke phezu kwakhe yena siya kutyatyamba isithsaba sakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7