-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 135:5|
Ngokuba ndiyazi mna ukuba mkhulu uYehova, INkosi yethu ingaphezu koothixo bonke.
-
6
|Salmos 135:6|
Konke akuthandileyo uYehova uya kwenza, Ezulwini nasemhlabeni, Ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila.
-
7
|Salmos 135:7|
Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi, Imvula wayenzela imibane; Ulorhola umoya koovimba bakhe.
-
8
|Salmos 135:8|
Owawabulalayo amazibulo aseYiputa, Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;
-
9
|Salmos 135:9|
Wathumela imiqondiso nezimanga Phakathi kwakho, Yiputa, KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;
-
10
|Salmos 135:10|
Owabulala iintlanga ezinkulu, Wabulala ookumkani abanamandla;
-
11
|Salmos 135:11|
OoSihon, ukumkani wama-Amori, No-Ogi, ukumkani waseBhashan, Nezikumkani zonke zakwaKanan;
-
12
|Salmos 135:12|
Walinikela ilizwe labo lalilifa, Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,
-
13
|Salmos 135:13|
Yehova, igama lakho lingunaphakade, Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.
-
14
|Salmos 135:14|
Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe, Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7