-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 133:1|
Ingoma yezinyuko; kaDavide. Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!
-
2
|Salmos 133:2|
Kunjengeoli elungileyo entloko, Isihla ezindevini, Ezindevini zika-Aron, Isihla iye emqukumbelweni weengubo zakhe.
-
3
|Salmos 133:3|
Kunjengombethe waseHermon, Ohla phezu kweentaba zaseZiyon; Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo, Ubomi, kude kuse ephakadeni.
-
1
|Salmos 134:1|
Ingoma yezinyuko. Yabonani, mbongeni uYehova, nonke bakhonzi bakaYehova, Nimiyo endlwini kaYehova ebusuku.
-
2
|Salmos 134:2|
Phakamiselani engcweleni izandla zenu, Nimbonge uYehova.
-
3
|Salmos 134:3|
Makakusikelele eZiyon uYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.
-
1
|Salmos 135:1|
Haleluya. Dumisani igama likaYehova; Dumisani, nina bakhonzi bakaYehova,
-
2
|Salmos 135:2|
Nimiyo endlwini kaYehova, Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu.
-
3
|Salmos 135:3|
Dumisani uYehova, ngokuba elungile uYehova; Libetheleni uhadi igama lakhe, ngokuba kumnandi.
-
4
|Salmos 135:4|
Ngokuba uYehova unyule uYakobi ukuba abe ngowakhe, Wanyula uSirayeli ukuba abe yinqobo kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7