-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Salmos 137:8|
Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako!
-
9
|Salmos 137:9|
Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni!
-
1
|Salmos 138:1|
EkaDavide. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo yam yonke; Phambi koothixo ndiya kukubethela uhadi.
-
2
|Salmos 138:2|
Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele, Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho; Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.
-
3
|Salmos 138:3|
Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula, Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.
-
4
|Salmos 138:4|
Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi, Bakuweva amazwi omlomo wakho;
-
5
|Salmos 138:5|
Bavume ngeendlela zikaYehova, Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:
-
6
|Salmos 138:6|
Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, uyambona othobekileyo; Ke yena oziphakamisayo umazi nakude.
-
7
|Salmos 138:7|
Ukuba ndithe ndahamba-hamba phakathi kweembandezelo, uyandiphilisa; Wosolulela emsindweni weentshaba zam isandla sakho, Sindisindise isandla sakho sokunene.
-
8
|Salmos 138:8|
UYehova uya kundifezela. Yehova, inceba yakho ingunaphakade, Izenzo zezandla zakho musa ukuziyekela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7