-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
24
|Salmos 136:24|
Wasihlangula kwabasibandezelayo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
-
25
|Salmos 136:25|
Ulonika into yonke ephilileyo ukudla: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
-
26
|Salmos 136:26|
Bulelani kuThixo wamazulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
-
1
|Salmos 137:1|
NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon.
-
2
|Salmos 137:2|
Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu.
-
3
|Salmos 137:3|
Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.
-
4
|Salmos 137:4|
Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga?
-
5
|Salmos 137:5|
Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene.
-
6
|Salmos 137:6|
Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke.
-
7
|Salmos 137:7|
Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7