-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 139:11|
Ukuba ndithe, Mabundisongele ubumnyama bona bodwa, Nokukhanya kube bubusuku ngeenxa zonke kum:
-
12
|Salmos 139:12|
Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe; Ubusuku bungaba mhlophe njengemini, Ubumnyama bungaba njengokukhanya
-
13
|Salmos 139:13|
Ngokuba wena wazibumba izintso zam, Wandibiyela esizalweni sikama.
-
14
|Salmos 139:14|
Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; Zibalulekile izenzo zakho, Umphefumlo wam uyazi kakuhle.
-
15
|Salmos 139:15|
Ayengagushekile kuwe amathambo am, Mna ndenzelwayo entsithelweni, Ndalukwa ndayimfakamfele ezinzulwini zomhlaba.
-
16
|Salmos 139:16|
Amehlo akho andibona ndiseyimbumba, Zazibhalwe encwadini yakho iimini zonke ziphela; Ziyiliwe ngenxa engaphambili, Kungekabikho ke nanye kuzo.
-
17
|Salmos 139:17|
Kum ke zinjani na ukunqaba izicamango zakho, Thixo! Asingangani isimbuku sazo!
-
18
|Salmos 139:18|
Zingathi, ndizibalile, zibe ninzi ngaphezu kwentlabathi; Ndakuvuka ndoba ndisenawe.
-
19
|Salmos 139:19|
Ngamana wambulala ongendawo, Thixo! Nina madoda amagazi, sukani kum.
-
20
|Salmos 139:20|
Abo bakukhankanyela amayelenqe, Balibizela inkohlakalo igama lakho abazondi bakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7