-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 139:1|
Kumongameli; ekaDavide. Umhobe. Yehova, undigocagocile, wandazi.
-
2
|Salmos 139:2|
Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokusuka kwam; Uyaziqonda izicamango zam nakude.
-
3
|Salmos 139:3|
Ukuhamba kwam nokulala kwam, uyakwela; Uqhelene neendlela zam zonke.
-
4
|Salmos 139:4|
Ngokuba akukho lizwi elulwimini lwam Ongalaziyo ke, Yehova, kanye.
-
5
|Salmos 139:5|
Ngasemva nangaphambili undingqingile, Wasibeka phezu kwam isandla sakho.
-
6
|Salmos 139:6|
Kubalulekile kum oko kwazi, Kuphezulu, kundinqabele.
-
7
|Salmos 139:7|
Ndingahambela phi na ukumka emoyeni wakho? Ndingabalekela phi na ukumka ebusweni bakho?
-
8
|Salmos 139:8|
Ukuba ndithe ndenyuka ndaya emazulwini, ulapho wena; Ukuba ndithe ndazandlalela kwelabafileyo, nanko ukho.
-
9
|Salmos 139:9|
Ukuba ndithe ndaphakamisa amaphiko esifingo, Ndaya ndahlala ekupheleni kolwandle,
-
10
|Salmos 139:10|
Besingandikhaphayo kwanalapho isandla sakho, Sindibambe isandla sakho sokunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7